Kumasipala wasekhaya siphicotha iindlela asebenza ngazo, sibone ukuba singabemi abakhathalayo singamsebenzisa njani na. Ivideo ezinintsi zikhona nge English, Afrikaans kunye nesiXhosa. Umxholo wolu ngcelele usekwe kumthetho wolawulozidolophu osebenza kubo bonke oomasipala eMzantsi Afrika. Nangona kunjalo, olu chungechunge lwaphuhliswa kuqala ngentsebenziswano noRhulumente wePhondo leNtshona Koloni kunye nesiXeko saseKapa ukuze kuphuculwe izakhono zooceba boomasipala kunye nesixeko nokwenza nokukhuthaza abemi ukuba bathathe inxaxheba kwiinkqubo zikamasipala. Ngenxa yoko, isigama esisetyenziswayo sinokwahluka kancinane kweso sisetyenziswa kwamanye amaphondo. Ezinye zeevidiyo zenziwe ngo-2016 kwaye ke kufuneka zijongwe kumxholo welo xesha. Sizama ukuhlaziya umxholo weevidiyo rhoqo kangangoko sinakho.